Intshayelelo

Thina, bantu baseMzantsi-Afrika,

Siyaziqonda iintswela-bulungisa zexesha elidlulileyo;

Sibothulel’ umnqwazi abo baye bev’ ubunzima ukuze kubekho ubulungisa nenkululeko elizweni lethu;

Siyabahlonela abo baye basebenzela ukwakha nokuphucula ilizwe lethu; kwaye

Sikholelwa kwelokuba uMzantsi-Afrika ngowabo bonke abahlala kuwo, bemanyene nangona bengafani.

Ngoko ke, ngabameli bethu abanyulwe ngokukhululekileyo, samkela lo Mgaqo-siseko njengomthetho owongamileyo weRiphablikhi ukuze—

Ngamana uThixo angabakhusela abantu bakowethu.
Nkosi sikelel’ iAfrika.
Morena boloka setjhaba sa heso.
God seën Suid-Afrika.
God bless South Africa.
Mudzimu fhatutshedza Afurika.
Hosi katekisa Afrika.