[Qaphela: Amazwi okuwonga akuShicilelo-Mithetho LukaRhulumente 24155 lomhla wesi-6 kuDis- emba 2002 nakuShicilelo-Mithetho LukaRhulumente 25213 yomhla wama-25 kuJulayi 2003.]
IJaji eyiNtloko mayongamele ekunyulweni kukaMongameli, okanye ichonge enye ijaji ukuba yenze oko. Kusebenza inkqubo echazwe kwiCandelo A leSihlomelo 3 ekunyulweni koMongameli.
[Isiqendwana (2) sathatyathelw’indawo sisiqendu 6 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
Unyulo lokuvalis’isithuba kwisikhundla sokuba nguMongameli maluqhutywe ngexesha nangomhla ogqitywe yiJaji eyiNtloko, kodwa kungade kuphele iintsuku ezingama-30 sidalekile isithuba eso.
[Isiqendwana (3) sathatyathelw’indawo sisiqendu 6 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
Umntu othe njengoMongameli oliBambela wafunga okanye wenz’isibhambathiso sokuthembeka kwiRiphablikhi akukho mfuneko yokuba ayiphinde inkqubo yokufunga okanye yokwenz’isibhambathiso kwixesha elizayo lokuba nguMongameli oliBambela kwithuba lexesha eliphela xa umntu olandelayo onyulelwe ukuba nguMongameli engena esikhundleni.
[Isiqendwana (4) songezwa sisiqendu 1 soMthetho Wokuqala Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-1997.]
OoSekela-Mphathiswa abamiselwe ngokwesiqendwana (1)(b) baphendula kwiPalamente ngokusebenzisa kwabo amagunya abo nangokwenza kwabo imisebenzi yabo.
[Isiqendu 93 sathatyathelw’indawo sisiqendu 7 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]
[Lo mxholwana wenziwa utshintsho sisiqendu 2(a) soMthetho Weshumi Elinanye Wokwenz’ Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2003.]
[Isiqendwana (1) senziwa utshintsho sisiqendu 2(b) soMthetho Weshumi Elinanye Wokwenz’ Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2003.]
[Isiqendwana (2) sathatyathelw’indawo sisiqendu 2(c) soMthetho Weshumi Elinanye Wokwenz’ Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2003.]
Umthetho wepalamente wezwelonke usenokuyilawula inkqubo emiselwe sesi siqendu.
[Isiqendu 100 senziwa utshintsho sisiqendu 2 soMthetho Weshumi Elinanye Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2003.]