Isiqendu 84 soMgaqo-siseko omtsha sithathwa njengesinesi siqendwana esongeziweyo silandelayo:
- UMongameli makabonisane nooSekela-Mongameli abakulawulo–
- ekuphuhlisweni nasekuphunyezweni kweenkqubo zorhulumente wezwelonke;
- kuyo yonke imicimbi ephathelele ekuphathweni kweKhabhinethi nasekwenziweni kwemisebenzi yeKhabhinethi;
- ekwabelweni kwemisebenzi kooSekela-Mongameli abakulawulo;
- ngaphambi kokuba amisele nawuphi na umntu ngokoMgaqo-siseko okanye ngokomthetho wepalamente, kuquka nokumiselwa kukanozakuzaku okanye abanye abameli belizwe;
- ngaphambi kokuba amisele iikomishoni zophando;
- ngaphambi kokuba athi makubekho uvavanyo-zimvo;
- naphambi kokuba axolele abonileyo.
Isiqendu 89 soMgaqo-siseko omtsha sithathwa njengesinesi siqendwana silandelayo:
- Isiqendwana (1) nese-(2) zisebenza nakuSekela-Mongameli okulawulo.
Isiqendu (a) sesiqendu 90(1) soMgaqo-siseko omtsha sithathwa njengesifundeka ngale ndlela:
(a) USekela-Mongameli okulawulo ochongwe nguMongameli.
Isiqendu 91 soMgaqo-siseko omtsha sithathwa njengesifundeka ngale ndlela:
91. IKhabhinethi
- IKhabhinethi nguMongameli, ooSekela-Mongameli kunye –
- naBaphathiswa abangengaphezulu kwama-27 abangamalungu eNdlu yoWiso-mthetho nabamiselwe ngokwesiqendwana (8) nese-(12);
- noMphathiswa omnye ongelilo ilungu leNdlu yoWiso-mthetho yabali-175 nomiselwe ngokwesiqendwana (13), kodwa kuxhomekeke ekubeni uMongameli, ebonisana nooSekela-Mongameli neenkokeli zamaqela athabath’inxaxheba, bakubona ukumiselwa koMphathiswa onjalo kufanelekile.
- Iqela ngalinye elinezihlalo ezingama-80 ubuncinane kwiNdlu yoWiso-mthetho linelungelo lokuchonga uSekela-Mongameli limchonga kumalungu alo eNdlu.
- Ukuba alikho iqela okanye linye kuphela iqela elinezihlalo ezingama-80 okanye ngaphezulu kwiNdlu, iqela elinelona nani likhulu lezihlalo neqela elinenani elilandelayo ngobukhulu lezihlalo, ngalinye kuwo linelungelo lokuchonga uSekela- Mongameli kumalungu alo eNdlu.
- Esakuchongwa, uSekela-Mongameli usengakhetha ukuhlala elilungu leNdlu okanye ayeke ukuba lilo.
- USekela-Mongameli usenokusebenzisa amagunya kwaye makenze imisebenzi enikwe umntu okwisikhundla sokuba nguSekela-Mongameli eyinikwa nguMgaqo- siseko okanye imisebenzi eyabelwe umntu okweso sikhundla nguMongameli.
- USekela-Mongameli uba sesikhundleni–
- kude kube ngumhla wama-30 kuEpreli 1999 ngaphandle kokuba uthatyathelw’indawo okanye ayekiswe liqela elinelungelo lokuchonga ngokwesiqendwana (2) nese-(3); okanye
- de angene esikhundleni umntu onyulelwe ukuba nguMongameli emva konyulo lweNdlu yoWiso-mthetho lwangaphambi komhla wama-30 kuEpreli 1999.
- Isithuba esikwisikhundla sikaSekela-Mongameli sinokuvalwa liqela elachonga loo Sekela-Mongameli.
- Iqela elinezihlalo ezingama-20 ubuncinane kwiNdlu yoWiso-mthetho nelithe lagqiba kwelokuba lithabath’inxaxheba kurhulumente womanyano, linelungelo lokunikwa elinye lamasebe eKhabhinethi okanye amasebe angakumbi abaza kumiselwa kuwo aBaphathiswa ekuthethwe ngabo kwisiqendwana (1)(a), ngokulingana nenani lezihlalo elinalo elo qela kwiNdlu yoWiso-mthetho xa kutheleksiwa nenani lezihlalo anazo amanye amaqela athabath’inxaxheba.
- Amasebe eKhabhinethi mawanikwe amaqela athabath’inxaxheba ngokwale ndlela ilandelayo:
- inani elifunekayo lezihlalo zesebe ngalinye maliqingqwe ngokwahlula inani lezihlalo xa zizonke kwiNdlu yoWiso-mthetho ngenani lamasebe amabamiselwe kuwo aBaphathiswa kwisiqendwana (1)(a), kongezwe isinye;
- isiphumo esifumanekayo apho, xa kulahlwa amanani angamaqhezu, ukuba akho, linani elifunekayo lezihlalo kwisebe ngalinye;
- inani lamasebe amakanikwe iqela elithabath’inxaxheba liqingqwa ngokwahlula inani lezihlalo zizonke elinazo elo qela kwiNdlu yoWiso-mthetho, lahlulwe ngenani elifunekayo ekuthethwe ngalo kwisiqendu (b).
- isiphumo esifunekayo apho, ngokulawulwa sisiqendu (e) sibonisa inani lamasebe amakabelwe kwelo qela;
- xa ukusetyenziswa kwale ndlela ingentla kuvelisa ukratya ongaginywayo linani lamasebe abelwe kwiqela, ukratya ukhuphisana nabanye ookratya abafanayo abakwelinye iqela okanye amaqela, kuze kuthi ke naliphi na isebe okanye amasebe asalayo engabiwanga abelwe kwiqela okanye kumaqela lawo ngolandelelwano loyena kratya uphezulu.
- Emva kokubonisana nooSekela-Mongameli kunye neenkokeli zamaqela athabath’ inxaxheba, uMongameli–
- makenze isigqibo ngamasebe amakanikwe amaqela athabath’inxaxheba ngokwenani lamasebe anikwa wona ngokwesiqendu 9;
- kwisebe ngalinye makamisele ilungu leNdlu yoWiso-mthetho elilungu leqela elinikwe elo sebe ngokwesiqendu (a), emmisela njengoMphathiswa ophathiswe elo sebe;
- ukuba kuthi kube yimfuneko ngokwenjongo yoMgaqo-siseko okanye ngenjongo yokuba kubekho urhulumente olungileyo, makasitshintshe nasiphi na isigqibo esenziwe ngokwesiqendu (a), ngokulawulwa sisiqendwana (9);
- makamyekise nawuphi na umntu omiselwe ngokwesiqendu (b)–
- ukuba uMongameli ucelwa ukuba enze njalo yinkokeli yeqela alilungu lalo uMphathiswa lowo; okanye
- ukuba kuthi kube yimfuneko ngokwenjongo yoMgaqo-siseko okanye ngenjongo yokuba kubekho urhulumente olungileyo; okanye
- akasivale isithuba esikwisikhundla soMphathiswa, xa kuyimfuneko, ngokulawulwa sisiqendu (b).
- Makusetyenziswe isiqendwana (10) ngomoya wokuba kubekho urhulumente womanyano, kwaye uMongameli kunye namanye amagosa mabafune ukuvumelana ngamaxesha onke ekusebenziseni eso siqendwana, kodwa ke ukuba akunakuvunyelwana–
- ngokusetyenziswa kwegunya ekuthethwe ngalo kwisiqendu (a), (c) okanye (d)(ii) kweso siqendwana, kuba sisigqibo sikaMongameli esigqibelayo;
- ngokusetyenziswa kwegunya ekuthethwe ngalo kwisiqendu (b), (d)(i) okanye (e) kweso siqendwana okuchaphazela umntu ongelilo ilungu leqela likaMongameli, isigqibo senkokeli yeqela alilungu lalo umntu lowo kuba siso esigqibelayo;
- nangokusetyenziswa kwegunya ekuthethwe ngalo kwisiqendu (b) okanye (e) kweso siqendwana okuchaphazela umntu olilungu leqela likaMongameli, kuba sisigqibo sikaMongameli esigqibelayo.
- Ukuba nasiphi na isigqibo sokwabiwa kwamasebe siyatshintshwa ngokwesiqendwana (10)(c), aBaphathiswa abachaphazelekileyo mabaphume kumasebe abo, kodwa bayafaneleka, kwiimeko ekunokwenzeka kuzo, ukuba bamiselwe kwakhona kwamanye amasebe anikwe amaqela abo ngokwesigqibo esitshintshiweyo.
- UMongameli –
- ebonisana noSekela-Mongameli kunye neenkokeli zamaqela athabath’ inxaxheba–
- makenze isigqibo ngesebe elithile loMphathiswa ekuthethwe ngalo kwisiqendwana (1)(b) xa kunokuthi kube ngenxa yesigqibo sikaMongameli ngokweso siqendwana (2);
- makamisele kwelo sebe umntu ongelilo ilungu leNdlu yoWiso-mthetho, emmisela njengoMphathiswa ophathiswe elo sebe; aze
- ukuba kuyimfuneko, avale isithuba kwelo sebe; okanye
- emva kokubonisana noSekela-Mongameli neenkokeli zamaqela athabath’ inxaxheba, makamyekise nawuphi na umntu omiselwe ngokwesiqendu (a) ukuba kuthi kube yimfuneko ngokwenjongo yoMgaqo-siseko okanye ngenjongo yokuba kubekho urhulumente olungileyo.
- Iintlanganiso zeKhabhinethi mazonganyelwe nguMongameli okanye, ukuba uMongameli uyalela ngolo hlobo, zonganyelwe nguSekela-Mongameli, kodwa ke ooSekela-Mongameli bongamela ngokubolekisana kwiintlanganiso zeKhabhinethi ngaphandle kokuba iimeko ezingxamisekileyo zikarhulumente nomoya okhoyo kurhulumente womanyano ufunisa ukuba kwenzeke ngenye indlela.
- IKhabhinethi mayisebenze ngendlela ecingela ubukho bomoya wokuvumelana omawubekho kurhulumente womanyano kunye nemfuneko yorhulumente osebenza ngempumelelo.
Isiqendu 93 soMgaqo-siseko omtsha sithathwa njengesifundeka ngale ndlela:
93. Ukumiselwa kooSekela-Mphathiswa
- Emva kokubonisana nooSekela-Mongameli kunye neenkokeli zamaqela athabath’inxaxheba kwiKhabhinethi, uMongameli usenokuvula izithuba zoosekela-mphathiswa.
- Iqela linelungelo lokunikwa isithuba esinye okanye ezingaphezu koko zoosekela-mphathiswa ngomlinganiselo ofanayo nangendlela efanayo awabiwa ngayo amasebe kwiKhabhinethi.
- Mayela nooSekela-Mphathiswa kusebenza okutshiwo kwisiqendu 91(10)ukuya kwese-(12), kubekho nje utshintsho oluyimfuneko, kwaye ekusebenziseni okutshiwo zezo ziqendu, xa kuthethwa ngoMphathiswa kweso siqendu okanye kuthethwa ngesebe, oko makuthathwe ngokuthi kuthethwa ngoSekela-Mphathiswa okanye isithuba sosekela-mphathiswa.
- Ukuba umntu umiselwa njengoSekela-Mphathiswa walo naliphi na isebe eliphathiswe uMphathiswa–
- loo Sekela-Mphathiswa makathi, egameni loMphathiswa, asebenzise amagunya kwaye enze nemisebenzi eyabelwe loo Mphathiswa wepalamente okanye ngenye indlela, magunya lawo nemisebenzi leyo enokuthi yabelwe loo Sekela-Mphathiswa nguMphathiswa, kodwa ngokulawulwa yimiyalelo kaMongameli;
- xa, nakuwuphi na umthetho wepalamente, kuthethwa ngoMphathiswa, oko makuthathwe njengokuquka noSekela-Mphathiswa esebenza ngokwabelwa nguMphathiswa anguSekela-Mphathiswa wakhe, ngokwesiqendu (a).
- Nanini na xa uSekela-Mphathiswa engekho okanye ngaso nasiphi na isizathu engenakukwazi ukusebenzisa amagunya esikhundla okanye ukwenza imisebenzi yesikhundla sakhe, uMongameli unokumisela nawuphi na omnye uSekela-Mphathiswa okanye nawuphi na omnye umntu ukuba abambele endaweni yaloo Sekela-Mphathiswa, ukuba enze yonke into okanye asebenzise igunya elixeliweyo okanye enze umsebenzi oxeliweyo.’
Isiqendu 96 soMgaqo-siseko omtsha sithathwa njengesinezi ziqendwana zilandelayo ezongeziweyo:
- Ngamnye kuBaphathiswa uphendula kuMongameli nakwiNdlu yoWiso-mthetho ngendlela abawasingatha ngayo amasebe abo, kwaye onke amalungu eKhabhinethi aphendula kwangaloo ndlela xa ewonke ngendlela ayenza ngayo imisebenzi karhulumente wezwelonke neenkqubo zakhe.
- ABaphathiswa mabawasingathe amasebe abo ngokwenkqubo egqitywe yiKhabhinethi.
- Ukuba uMphathiswa uyoyisakala ukulisingatha isebe ngokwenkqubo yeKhabhinethi, uMongameli usenokufuna ukuba loo Mphathiswa alisingathe isebe ngokwenkqubo.
- Ukuba uMphathiswa uyoyisakala ukwenza okufunwa nguMongameli ngokwesiqendwana (5), uMongameli usenokumshenxisa loo Mphathiswa–
- ukuba nguMphathiswa ekuthethwe ngaye kwisiqendu 91(1)(a), emshenxisa emva kokubonisana noMphathiswa, kuze kuthi ukuba uMphathiswa lowo akalilo ilungu leqela likaMongameli okanye akayiyo inkokeli yeqela elithabath’ inxaxheba, amshenixise nasemva kokubonisana nenkokeli yeqela laloo Mphathiswa; okanye
- ukuba nguMphathiswa ekuthethwe ngaye kwisiqendu 91(1)(b), emva kokubonisana nooSekela-Mongameli kunye neenkokeli zamaqela athabath’ inxaxheba.