- Ngokulawulwa yimiyalelo yoMphathiswa Wokhuseleko, uMkomishinalaweZwelonke uza kuba noxanduva—
(b) ukumiselwa kwabakomishinala bamaphondo;
(d) ukuphandwa nokuthintelwa kolwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo okanyeulwaphulo-mthetho olufuna uphando nothintelo kwilizwe lonke okanyeizakhono ezikhethekileyo;
nangokuthi
(k) ukusekwa kwamapolisa okulondoloz’ucwangco eluntwini kwilizwe lonke nokulondolozwa kwawo eza kuthiwa saa kuxhaswa uMkomishinala wePhondo nangokucelwa nguye.
Kwenziwa utshintsho kwisiqendu 219 soMgaqo-siseko wangaphambili ngokuthi kwisiqendwana (1) amazwi awandulela isiqendu (a) athatyathelw’ indawo ngamazwi alandelayo:
- Ngokulawulwa sisiqendu 218(1), uMkomishinala wePhondo uza kuba noxanduva–
Kwenziwa utshintsho kwisiqendu 224 soMgaqo-siseko wangaphambili ngokuthi imeko yoxhomekeko ekwisiqendwana (2) ithatyathelw’ indawo yimeko yoxhomekeko elandelayo:
Kodwa ke kuxhomekeke ekubeni esi siqendwana siza kusebenza nakumalungu awo nawuphi na umkhosi oxhobileyo ongenise uluhlu lwawo lwabasebenzi emva kokuqalisa koMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika ka-1993 (uMthetho 200 ka-1993), kodwa ngaphambi kokwamkelwa koMgaqo-siseko omtsha ekuthethwe ngawo kwisiqendu 73 saloo Mgaqo-siseko, ukuba umbutho wopolitiko omi ngawo umkhosi lowo nophantsi kolawulo lwawo okanye onxulumene nawo noqhubela phambili iinjongo zawo waba nenxaxheba kwiBhunga leXesha loTshintsho okanye waba nenxaxheba kunyulo lokuqala lweNdlu yoWiso-mthetho nakwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo phantsi koMgaqo-siseko oxeliweyo.
Kwenziwa utshintsho kwisiqendu 227 soMgaqo-siseko wangaphambili ngokuthi isiqendwana (2) sithatyathelw’ indawo sisiqendwana esilandelayo:
- UMkhosi woKhuselo weZwelonke mawusebenzise amagunya awo kwaye wenze imisebenzi yawo kuphela ukuba oko kuza kunceda ilizwe ngokweSahluko 11 soMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika ka-1996.
ngokuthi isiqendwana (1) sithatyathelw’indawo sisiqendwana esilandelayo:
- inkonzo yaseburhulumenteni, isebe likarhulumente, iziko lolawulo okanye inkonzo yokhuseleko eyayisenza imisebenzi yoburhulumente ngaphambi nje kokuqalisa koMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika ka- 1996 (oza kubizwa emva koku ngokuthi nguMgaqo-siseko omtsha”), ziyaqhubeka zisebenza ngokomthetho wepalamente osebenzayo kuzo zide zibe zitshitshisiwe okanye zafakelwa kwiziko elifanelekileyo okanye zahlengahlengiswa okanye zamanywa nelinye iziko.
ngokuthi isiqendwana (6) sithatyathelw’indawo sisiqendwana esilandelayo:
- UMongameli usenokumisela iKomishoni ukuba iqwalasele ngokutsha ukubotshwa kwesivumelwano okanye ukwenziwa kotshintsho kuso, ukumiselwa okanye ukunyuselwa, okanye ukunikwa ixesha lokusebenza okanye umqathango wokusebenza okanye enye into eyinzuzo, eyenzeka phakathi komhla wama-27 kuEpreli 1993 nowama-30 kuSeptemba 1994 mayela nomntu ekuthethwe ngaye kwisiqendwana (2) okanye udidi lwabantu abanjalo.
- Ikomishoni isenokusirhoxisa isivumelwano okanye yenze utshintsho kuso, irhoxise okanye yenze utshintsho ekumiselweni, ekunyuselweni okanye ekunikweni loo nto iyinikwayo ukuba akufanelekanga okanye akuthetheleleki kwezo meko.
nangokuthi
amagama athi “lo Mgaqo-siseko”, naphi na apho abonakala khona kwisiqendu 236, athatyathelw’indawo ngamagama athi
uMgaqo-siseko omtsha.
(a) uhlengahlengiso lwawo onke amaziko ekuthethwe ngawo kwisiqendu 236(1), ngaphandle kwemikhosi yamajoni ekuthethwe ngayo kwisiqendu 224(2) luza kuthi, emva kokuqalisa kokusebenza koMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika ka-1996, luqhubeke, ngenjongo yokuseka—
(i) ulawulo oluphumelelayo kwinqwanqwa lezwelonke likarhulumente ukuze lusingathe imicimbi ephantsi kwegunya lenqwanqwa likarhulumente wezwelonke; nokuseka
(ii) ulawulo oluphumelelayo lwephondo ngalinye lokusingatha imicimbi ephantsi kwegunya lorhulumente ngamnye wephondo.
nangokuthi
(i) amaziko ekuthethwe ngawo kwisiqendu 236(1), ngaphandle kwemikhosi yamajoni, aza kuhlala ekurhulumente wezwelonke, oza kuthi afeze imbopheleleko yakhe ngokusebenzisana oorhulumente bamaphondo;
Kwenziwa utshintsho kwisiqendu 239 soMgaqo-siseko wangaphambili ngokuthi isiqendwana (4) sithatyathelw’ indawo sisiqendwana esilandelayo:
- Ngokulawulwa nguwo nawuphi na umthetho osebenzayo kwimeko leyo,nangokuvisisana nawo, impahla, amalungelo, imisebenzi noxanduva lwayo yonke imikhosi ekuthethwe ngayo kwisiqendu 224(2), ezo zinto ziza kuba semagxeni oMkhosi Wokhuselo weZwelonke ngokwemiyalelo yoMphathiswa Wokhuselo.